uFernando Da Cruz unyulwe njengomqeqeshi omkhulu weKaizer Chiefs

IKaizer Chiefs ibe nentlanganiso engxamisekileyo emva kwemini yanamhlanje apho yonyule uFernando da Cruz njengomqeqeshi omtsha osemthethweni.

Lo mqeqeshi uneminyaka engamashumi amahlanu anesine ubudala usayine ikhontrakthi yeminyaka emibini enethuba lokongeza unyaka omnye.

UDa Cruz uza kuthatha iintambo ngokusesikweni kule nyanga izayo ngomla wokuqala kweyeKhala emva kokushiya kwakhe umsebenzi eMorocco.

Abaphathi beBhakhaniya baveze ukuba le ndoda ifundise abadlali abakhulu e-Europe abaquka uVictor Osimhen kunye noEden Hazard.

Abalandeli beqela bavakalise imincili emikhulu ngenxa yokuba lo mqeqeshi unolwazi olunzulu malunga nokuphuhlisa abadlali abaselula.

*Kaizer Chiefs official news