KUPHANDWA UKUSWELEKA KWENDODA PHANTSI KWELISO LAMAPOLISA

Kubhubhe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala kwizisele zamapolisa kwidolophu yaseUniondale izolo. Kutyholwa ngokuba le ndoda ibiseziseleni kulandela ukubanjwa kwayo ngetyala lokubetha ngeenjongo zokonzakalisa.
Amapolisa athi kuvulwe idokethi lophando kwaye akukho nyawu lwamfene lurhanelekayo. Nangona kunjalo, iziphathamandla zamapolisa kulenqila zisungule uphando lwangaphakathi ukuphanda esisiganeko.
Ungathanda kwakhona: UVusimuzi ‘Cat’ Matlala urhoxisa isivumelwano sakhe norhulumente kwityala lorhwaphilizo
