KUTYHOLWA UNO-TAVERN NGOKUSWELEKA KWEBHINQA NOKUNGONJWA KWAMANYE AMABINI

Ucholwe sele ubanda umzimba webhinqa laseThembalethu nekutyholwa ngelithi libethelwe ukuduka kwemali kwindawo eshishina ngotywala kule lokishi. Uphando lwamapolisa luwakhokelele kwihlathi elikufutshane nasePacaltsdorp malunga nentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngeCawe, nalapho ufunyenwe khona lo mzimba.

Oku kuza emva kokuduka kwamanina amabini kwindlu ekummandla waseZone 3 kulelokishi ngolwesihlanu. Isithethi samapolisa, uChris Spies uthi ibhinqa lesibini lifunyenwe lingonjiwe esibhedlela, lo gama elinye liye layokummangala emapoliseni ngeCawe.

Amarhe athi intsusa yesisiganeko kukulahleka kwemali kwindawo eshishina ngotywala. Nangona kunjalo uSpies akafunanga kunaba kabanzi ngelithi uphando lwamapolisa lusaqhuba kwaye akakwazi ukungqina ukuba ngaba umnini wendawo yalentselo uphakathi kwabo babanjiweyo kusini na.

Ngokwengxelo kaSpies sele kubanjwe abantu abathathu malunga nesisehlo, nabaquka amadoda amabini nenina. Kulindeleke bavele enkundleni xa sele bebekwe amatyala wokubulala, ukuxhwila, nokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.