APHINDILE AMAPOLISA EKATKOP EVALELA UMGEWU

KATKOP: Amapolisa aseKatkop cebokuhle eNgqayi abambe avalela umrhanelwa emva kokufunyanwa ephethe umkhono wekati.

Ngokwengxelo ekhutshwe ngamapolisa ephondo leMpuma Koloni, amapolisa azimisele ukusiphula neengcambu ulwaphulo-mthetho.

Ngaphezu koko, amapolisa azimisele ukumilisela imithetho yokuphatha imipu kusenjalo esenza konke okusemandleni ukufumana amaphepha okanye iilayisenisi zemipu.

FUNDA NALAPHA: KATKOP SAPS RAID & ARREST DRUG DEALERS

Ukapteni Ursula Roelofse uthi amapolisa aseNgqayi azimisele yaye ayaqhubeka nokulwa nolwaphulo-mthetho – inzame zawo zize neiphumo ezincumisayo ekuqaleni kwalenyanga.

“UWarrant Officer Noqazo kunye namalungu wakhe athi afumana ingxelo yokuba kukho indoda endala enompu yaye iwusebenzisa kulwaphulo-mthetho,” utshilo uRoelofse.

“Kuvele neenkcukacha zokuba lendoda isebenzisa lompu ekukhuseleni ivenkile ethile kwilali yseJojweni.

“Amapolisa athe ahlala ekhondweni nelithe lakhokelela ekufikeni kulelali yaseJojweni nalapho efike kulomzi okhonjiweyo ngabahlali.

“Amapolisa afike adibana nalendoda engumrhanelwa. Njengokuba besaqhuba uphando, lendoda ithathe umpu yawunikela emapoliseni. Umpu lo ubunembumbulu ezisithandathu – zithathiwe ngamapolisa.

READ MOE: OPERATION SHANELA A SUCCESS IN JOE GQABI

“Lomrhanelwa akakwazanga ukudiza ukuba uwuthathephi umpu yaye wohluleke nokuveza iimpepha okanye ilayisenisi yawo – amkhonkxile amapolisa.”

Kusenjalo, uRoelofse uthe lendoda eneminyaka engama60 kulindeleke ukuba ivele ngaphambi kweNkundla kaMantyi yase Mount Fletcher ngaphantsi kwesimangalo sokuba nompu ongenamaphepha-mvume kunye neembumbulu.

Ngokwenkqubo yabakwantsasana, lompu uzakuyokuhlolwa ukuba awuzange usetyenziswe kwiziganeko zolwaphulo-mthetho kusini na.

Esi senzo nokuzinikela kwamapolisa kuthe kwaqhwatyelwa izandla nguMkomishinala waseJose Gqabi uMajor General Lindelwa Vellem nothe wancoma nabahlali.

NguPhumzile Ngcatshe