IGQALA LEBAFANA LIPHAWULA NGEENGXAKI ZEDAWANA

NguPhumzile Ngcatshe

SUNDOWNS: Igqala leBafana Bafana uDoctor Khumalo lithi uMzantsi Afrika awukwazi kuphulukana neMamelodi Sundowns.

IDawana libonakala lisezingxakini ngaphantsi komqeqeshi uMiguel Cardoso obonakala engaphantsi koxinzelelelo kwitumente yeCAF Champions League.

Eliqela lasePitoli linyanzelekile liphumelele umdlalo walo neMC Alger kaRulani Mokwena ngomgqibelo, okokuba abaphumeleli, bayaphuma kuletumente.

FUNDA NALAPHA: UQHAWUKILE UMTSHATO KOWASENIGERIA NEZIMNYAMA

Ephawula ngeengxaki zeentshatsheli zeBetway Premiership, uKhumalo uthi iSundowns inegalelo elikhulu kwiqela likaHugo Broos.

IBafana izakuntingela kwindebe yomhlaba iFIFA World Cup ezakusingathwa eMexico, Canada kunye naseMelika kulonyaka.

“Bendibawela ukubona amanye amaqela esilwa neSundowns hayi okokuba kulindwe de babeneengxaki – kufuneka kucace ukuba uqhuba kakuhle hayi ngenxa yeengxaki zeSundowns,” utshilo uMntungwa.

“Ewe banazo iingxaki zabo ngaphakathi eqeleni, ndingavuya ukubona amaqela esilwa neSundowns engenazo iingxaki.

“Kulapho ke ndingakwazi ukuba ndikothulele umnqwazi kodwa okwangoku, andikwazi kuyenza lonto.

“Andifuni ulinde de babeneengxaki okanye basokole emva koko ufike ubhiyoze okokuba uyoyisile iSundowns.

“Bangaphantsi kweenguqu yaye ziingxaki zasebholeni ezo. Lilonke, ndiyafuna ukubona leSundowns esiyaziyo.

“Bayenza inike umdla iligi yethu iPSL, bayakwazi ukuvelisa abadlali abahle abanceda uMzantsi Afrika – asikwazi ukubhiyoza xa iSundowns ineengxaki.”

FUNDA NALAPHA: NEDBANK: ICHIEFS IQALA UKUKHUSELA INDEBE YAYO

Elikhwahla leKaizer Chiefs liqhuba ngelithi lingathanda ukubona ezaseChloorkop zisombulula iingxaki zalo.

“Ndiyathandaza okokuba basombulule iingxaki zabo, asikwazi kuphulukana neSundowns ingakumbi apha kwilizwekazi iAfrika,” uyaqhuba.

“Masikhumbule ukuba ibalulekile iSundowns kuthi. Mhla kuqhathwa amaqela kwindebe yomhlaba, umqeqeshi waseMexico wathetha kamnandi ngathi.

“Watsho ukuba uyibonile iSundowns kwindebe yomhlaba yamaqela – lonto ithetha lukhulu ngeSundowns nathi njengesizwe.

“Aba badlali babuyise ibhongo kwilizwe lethu, amazwe namaqela amaninzi ayasihlonipha ngoku ngenxa yeSundowns, iOrlando Pirates kunye namanye amaqela.”

Ungathanda kwakhona: Kubanjwe abarhanelwa abazenza amapolisa