AMAPOLISA ALWISANA NEZIYOBISI ESTEKE

STERKSPRUIT: Amapolisa oMzantsi Afrika aphume iphulo kwidolophu yaseSterkspruit nalapho athe abamba abarhanelwa abathathu ngezityholo zokushishina ngeziyobisi.

Ngokwengxelo epapashwe yi-ofisi yoMkomishinala Wamapolisa ephondweni uMajor General Lindelwa Vellem, aba barhanelwa kulindeleke bavele ngaphambi kwenkundla kaManyi yaseSterkspruit.

Othethela abakwantsasana uKapteni Ursula Roelofse, uthe esi sibini sifunyanwe neziyobisi ezaziwa ngecrystal meth okanye itik.

Ledolophana yaseSteke ingaphantsi koMasipala wesithili iJoe Gqabi yaye ziyakhula iziganeko ezayamene neziyobisi nodlwengulo kunye nokubulala abasetyhini kuquka nabantwana.

FUNDA NALAPHA: UMKOMISHINALA UVELLEM UTYELELE KUNGQUBA ESTEKE

Ngaphantsi kweDOCC neyaziwa ngeDistrict Operational Command Centre, eliqela lihletyelwe ngabahlali malunga neziyobisi ezithengiswa kwiilali ezingqonge ledolophu laze lahlasela ngomhla ka28 kule imiyo.

“Amalungu eliqela athe alandela ekhondweni emva kokufumana ulwazi malunga neziyobisi yay eke lafumanisa izindlu ekuthengiswa kuzo,” utsho uRoelofse.

“Emva kokugaleleka kwezi zindlu, kwilali iNew Rest, umrhanelwa uphandiwe yaye amapolisa aze afumana imali kunye neepakethana eziqulathe iziyobisi ezaziwa ngetik. Lomrhanelwa oneminyaka engama39 uthe wakhalelwa ngamakhamandela.

“Kusenjalo, kumzi wesibini, amapolisa atyelele omnye umrhanelwa kwakulelali nalapho ethe afumana umrhanelwa oneminyaka engama51. Uthe wakuphandwa kwafumaneka ipakethi yeplastiki equlethe icrystal meth eyaziwa ngetik nemali – zonke ezi zinto zithe zathathwa.

FUNDA NALAPHA: UMCHUNU UKHOMBA UMASEMOLA OVIKELA ELAKHE NGEPKTT

“Ukanti ke umrhanelwa uthe wabanjwa. Kwilali yakwaThuntubele, amapolisa afake imibuzo umrhanelwa oneminyaka engama21 othe wafunyanwa neziyobisi itik.

“Kwakulorhanelwa, kufumaneke imali engadizwanga yaye uthe wavalelwa ngoko nangoko. Abarhanelwa balindeke ukuba bavele ngaphambi koMantyi eSterkspruit kungekudala.”

Ngokwalengxelo, uVellem uwancomile lamapolisa angaphantsi kweDOCC watsho ememelela nabahlali ukuba baqhube nokuncedisana namapolisa.

NguPhumzile Ngcatshe

.