
UMBUSO UWILE KWELIKA KUPELO EMONTI
EMONTI: Ziwe phantsi iinzame zombuso zokufaka ubungqina obubhaliweyo kwityala likaSizwe Kupelo ongusekela-mlawuli wezonxibelelwano kwiPhondo LeMpumaKoloni.
UKupelo uvele enkundleni yamatyala eMonti ngolwesithathu nalapho ezama ukuhlamba igama lakhe kwizityholo zorhwaphilizo.
Ukuvela kwakhe kulandela iinzame zombuso zokufaka ubungqina obenziwa ngongasekhoyo uKhunjulwa Livi nowasweleka ekuqaleni kwalonyaka.
IDispatchLIVE idiza ukuba amagqwetha ombuso afake isicelo sokufaka ubungqina obubhaliweyo bukaLivi kodwa iNkundla Yamatyala oshishino asikhabile eso sicelo.
FUNDA NALAPHA: UMGWEBI YINQUNUNU ENTSHA YASEWSU
UKupelo ujongene namatyala orhwaphilizo yaye amagqwetha ombuso ebezimisele ukufaka ubungqina obubhaliweyo ngongasekhoyo uLivi.
Lo ongasekhoyo ebeligosa eliphezulu kwisebe Lezempilo eBhisho kodwa wasutywa kukufa njengokuba elityala lisaqhuba.
Kusenjalo, umbuso uzimisele ukubhentsisa iimali zikaKupelo kuquka nemali ayamnkelayo kwelisebe nakwi-Ofisi yeNkulumbuso uOscar Mabuyane.
Losaziwayo uKupelo wangena kwelisebe nakule-ofisi ngo2002 emva kokuqala njengesithetthi sesebe – ujongene nezityholo ezimbini zorhwaphilizo, ezimbini zokufoja.
“Elityala limdibanisa okaKupelo njengomntu owathi waxoka ngeziphumo zakhe zebanga leshumi kwelisebe nalapho zathi zacelwa ngumphathi wakhe uSiyanda Manana,” itsho ingxelo.

Eliphephandaba lichaza ukuba ezi zityholo zingabona okaKupelo ethothoza iminyaka engama15 entolongweni ngaphandle kokuba bukhona ubungqina obuveza ubumsulwa bakhe.
FUNDA NALAPHA: AMAPOLISA ALWA NEZIYOBISI ESTEKE
“Ngolwesithathu, uMantyi uSadia Jacobs uthe ingxelo kaLivi ayivumelekanga kulenkundla,” iyaqhuba ingxelo.
Ngaphezu koko, igqwetha likaKupelo uMncedisi Simoyi uthe: “Olu lwazi luthatyathwe kwikhomptyutha yaye evuleleke kumntu wonke ongakwazi ukunika ubungqina enkundleni”
Eli tyala limiselwe uLwesine nalapho okaKupelo kulindeleke ukuba aphinde avelele enkundleni – ungaphandle ngebheyili yamawaka amathathu emva kokubanjwa ngo2024.
NguPhumzile Ngcatshe
