
UMASIPALA IJGDM UFUMENE IZIXHOBO ZOKULWA UMLILO
BARKLY EAST: Umasipala iJoe Gqabi District uthe wawongwa ngezixhobo zokulwa nomlilo wamadlelo ngurhulumente wePhondo LeMpuma-Koloni.
Likhokelwa nguMphathiswa uZolile Williams ngaphantsi korhulumente wobambiswano nentsebibziswano namasiko eyaziwa njengeCooperative Governance and Traditional Affairs, uMeya uNomvuyo Mposelwa unovuyo ngalenkxaso.
Ngokwengxelo epapashwe ngumasipala iJGDM, lenkxaso izakubalulutho ekulweni nomlilo wamadlelo oyshabalalisa indalo kuquka nemfuyo kweliphondo.
FUNDA NALAPHA: APHINDILE AMAPOLISA EKATKOP EVALELA UMGEWU
Kusenjalo, iJGDM idize ukuba oluncedo luquka intsebenziswano phakathi kweCOGTA kweliphondo kunye nemkampani yabucala uSANTAM.
Ngaphezu koko, lomasipala oquka idolophu iSterkspruit kunye nezinye ezifana neMaletswai, uthi lenkxaso izakunceda ekuqiniseni umlo nomlilo kunye nokuxhobisa uluntu ngezokhusuleko kwiphondo jikelele.
“IJoe Gqabi iyaziwa njengendawo okanye isithili esithwaxwa ziziganeko zentlekele yaye ke siyaluvuyela silwamkela oluncedo nezixhobo zokuqinisekisa ukuba uluntu lwethu lukhuselekile,” utshilo uMposelwa.

“Kubuhlungu ukubona izindlu nemfuyo itshabalala ngenxa yomlilo sibe singenazo izixhobo zokuhlangulo imeko enjalo.
“Sizimisele ukukhusela uluntu lwethu yaye siqinisekise okokuba siyazikhusela ezizixhobo zizokwazi ukuwenza umsebenzi wazo ngendlela efanelekileyo kuluntu lwethu.”
FUNDA NALAPHA: KATKOP SAPS RAID & ARREST DRUG DEALERS
UMposelwa udize okokuba ezi zixhobo zizakunceda uMasipala akwazi ukuhlangula, akhusele uluntu nezakhiwo ngaphezu koko akwazi nokugada indalo.
Kwelinye inqaku elidibene nomlilo, iJGDM ithe yadiza ukusungulwa kwesiqalo sesakhiwo somlilo eSterkspruit (Fire Station).
Esi sakhiwo sizakusebenza kwezinyanga ezilithoba ezizayo okwangoku kwaye kulindeleke ukuba eliphulo okanye isakhiwo sikwazi ukuncedisana neemeko ezingxamisekileyo ekulweni nemililo ikakhulu emphandleni.
NguPhumzile Ngcatshe
