UFUNYENWE UMZIMBA WESIBINI WABARHAXIWEYO

Umfanekiso wemboleko

Ubhaqwe phakathi elwandle umzimba wendoda eneminyaka eyi20 ubudala, neye yarhaxwa nomhlobo wayo kunxweme lwaseVictoria Bay eGeorge. Isithethi seziko lezohlangulo laselwandle iNational Sea Rescue Institute uCraig Lambinon uthi lo mzimba ubhaqwe kumgama wekholimitha nesiqingatha (1.5km) ukusuka kunxweme lwaseWilderness. Unabe ngelithi iqela labantu ebebequbha ngamaphenyane amancinci ukusuka eVictoria Bay ukuya eSedgefield lihlabe ikhwelo malunga nomkhono emva kwentsimbi yethoba ekuseni ngomGqibelo.

Lo mzimba uye wanikezelwa kwinkonzo yesipolisa neqhuba ngophando lwesisiganeko. ULambinon uthi ngokwengxelo abayifumeneyo sele ufanisiwe ngokusesikweni lo mzimba kwaye kwaqinisekiswa ukuba ngowexhoba lesibini elirhaxwe kunxweme iVictoria Bay kumGqibelo we31 kweyeThupha.

Abaziboneleyo bathi iqela labahlobo lafika kolunxweme emva kwentsimbi yesihlanu emalanga, saze esisibini sangena emanzini ngeliyokuqubha. Baye bonganyelwa ngamaza nomsinga wamaza owabatsalela phakathi elwandle. Umzimba wokuqala wafunyanwa ngoLwesibini kwiveki ephelileyo malunga nentsimbi yesithandathu emalanga. Amagama wamaxhoba awakabhengezwa ngokusesikweni ngamapolisa.