
UJacob Zuma ufuna ukuphepha ukuhlawula iR29 miliyoni kwiindleko zomthetho
Owayesakuba nguMongameli uJacob Zuma ufake isicelo kwiNkundla yoMgaqo-siseko ecela imvume yokubhena kwisigqibo esimyalela ukuba abuyisele urhulumente iR29 miliyoni yeendleko zomthetho.
Le mali yayihlawulelwe amagqwetha akhe ngurhulumente ngexesha ejongene namatyala olwaphulo-mthetho anxulumene nesivumelwano sezixhobo zokhuselo (Arms Deal).
Iinkundla zangaphambili zagqiba ukuba urhulumente wayengenalo igunya lokuhlawula ezo ndleko kuba amatyala ayemchaphazela buqu uZuma, nto leyo ethetha ukuba kufuneka ayibuyisele le mali.
IDemocratic Alliance (DA) iyasichasa esi sicelo, isithi isigqibo seenkundla kufuneka sihlonitshwe kwaye imali karhulumente kufuneka ikhuselwe.
INkundla yoMgaqo-siseko ngoku iza kuthatha isigqibo sokuba ingaba iza kumvumela na uZuma ukuba abhenele okanye hayi.
Imithombo: TimesLIVE | IOL | Constitutional Court of South Africa
Funda kwakhona: Ezamva nje: U-National Trusury ubambe iR13.5 bhiliyoni koomasipala
