
BAKHALE NGEZISU ABANTWANA ABATYE AMASHWAMSHWAM
Ngabantwana abalithoba abafumene unyango kwisibhedlela saseMossel Bay emva kokutya amashwamshwam athengwe kwisirhoxo sasekuhlaleni. Oku kungqinwe ngumasipala wesithili seGarden Route ngalentlwa. Ngokwengxelo kamasipala ababantwana bakhale ngezisu ezibuhlungu baze baleqiselwa kwisibhedlela saledolophu apho baye bafumana khona unyango.
Amagosa wezempilo wokusingqungileyo kulomasipala athi lamashwamshwam azayokuhlolwa kwaye iziphumo zizakupapashwa esindlangalaleni. Umasipala wesithili ukhuthaza uluntu lubike iziganeko okanye ukutya okurhanelekayo ngokuqhagamshelana namagosa atyalwe kuzo zosixhenxe iidolophu zalenqila.
