INigeria ifuna iimpendulo kuMzantsi Afrika

Urhulumente waseNigeria ucele impendulo kuMzantsi Afrika ngokusweleka kwabemi bakhe ababini.

INigeria ithi omnye wadutyulwa phambi kweshishini lakhe eMpumalanga.Omnye usweleke eseluvalelweni ngexesha ebephandwa ngamapolisa ePitoli.

Urhulumente waseNigeria uthi ezi ziganeko zibangele inkxalabo enkulu.

INigeria ilumkise ngokuthatha amanye amanyathelo xa kungekho mpendulo.Iqumrhu eliphanda amapolisa liqalise uphando ngokusweleka kwendoda eseluvalelweni.

UMongameli Cyril Ramaphosa ugxeke ubundlobongela obujolise kubantu bangaphandle.

Urhulumente ubongoze uluntu ukuba luhloniphe umthetho.

Umthombo: Reuters

Ungathanda kwakhona: Kubulawe usomashishini obephekela uthotho lukamabonakude Uzalo KwaMashu