
KWENZIWE IMBALI KUMSITHO WAMAJONI
Ibingamayeye kwiziko loqeqesho lomkhosi weli kwidolophu yaseTshorweni ngoLwesihlanu, ngethuba bekusenzeka imbali. Eliziko libambe owona msitho wake wamkhulu waminyaka le, nalapho bekuvuyiswana namajoni amatsha aqukumbele inkqubo yoqeqesho eyaziwa ngeMilitary Skills Development System. Ngamajoni ayi1 750 ebeyinkxalenye yalombhiyozo, nani elo lingazange labonwa kususela ukuvulwa kweliziko ngonyaka ka1953.

Lo msitho ubuwonganyelwe yintloko yomkhosi weli uLieutenant General, Khulekani Mbatha. Lo kaMbatha uthi bayazingca ngalamajoni matsha ekwawakhuthaza ukuba athobele isifungo asithathileyo kuba ngaphezulu kokhuseleko bakwangonozakuzaku bokulungileyo kweli. “Lo ngumkhosi wabemi beli. Sinamathuba aliqela adinga abantu abatsha abadlamkileyo kwaye siyabamema ukuba bazokusebenzela isizwe.”
Ngethuba lalomsitho kukwawongwe abo bagqwesileyo kulenkqubo yoqeqesho. Ogqwese emagqabini kubo bonke nguGeraint Van Wyk oxelele oonondaba ukuba ufunde ukuzimela nokunyamezela phantsi kobunzima boluqeqesho. Unabe ngelithi iyamgcobisa into yokuwongwa kwakhe kuba kuchaza ukuba ukuzinikela kwakhe kuze neziqhamo.





U-Asemahle Tshambu uwongwe njengelona nina lisemandleni xa kuthelekiswa namanye. Uthe bekungelula koluqeqesho kwaye ebengacingelanga ukuba angalelona nina lisemandleni kuba ebekhona amanye ebekhangeleka esempilweni ukogqitha yena ngethuba kuqalwa oluhambo. “Ndiye ndakwazi ukwenza iiPush Ups eziyi84 (ngomzuzu), iiSit Ups eziyi62 (ngomzuzu, ndenza neShuttle Run ngemizuzwana engamashumi amahlanu anesihlanu kwaye ndaqukumbela uhambo lwe-4kilometers ngaphantsi kwemizuzu engamashumi amathathu.
Isigaba esilandelayo kukuba lamajoni azakuqeqeshwa kumacandelo ohlukeneyo womkhosi, emva koko atyalwe kweli nakumanye amazwe.
