KUTHINJWE OKUNYE UKUTYA OKUDALA

Zingxowa eziyi44 zokutya okudala nezinye iimveliso ezithinjiweyo kwiphulo lokugqogqa izirhoxo ezithengisa ukutya kwidolophu yaseMossel Bay. Namhlanje amagosa onyanzeliso mthetho andwendwele ingingqi yaseExtenstion 13, kulandela iphulo elikumila kunje kummandla iExtension 8 ngoLwesine.

Eliphulo liza emva kweziganeko zakutsha nje kwingingqi yaseGreat Brak River naseFriemersheim nalapho kubhaqwe iipilisi kwiipakethi zeChips. Ukususela kokubikwa kweziziganeko, amagosa onyanzeliso mthetho kulomasipala ebambisene namapolisa kunye namagosa ezempilo yokusingqongileyo kumasipala westhili bathe saa iinzwane kule dolophu bekhangela izirhoxo ezingathobeli imiqathango yokuthengiswa kokutya nezinye iimveliso.

Iimveliso zenyama eziphelelwe lixesha.

Abahlali bayacelwa ukuba beze ngaphambili neenkcukacha xa berhanela ukuba ikhona imiqathango engalandelwayo kwiivenkile abathenga kuzo. Inombolo yomnxeba engatsalelwa ngu044 606 5000 okanye kuthunyelwe i e-mail ku admin@mosselbay.gov.za.

Ipolisa lihlola ukutya okuphelelwe lixesha.