
HALALA: UBROOS UVUYELA UKUFIKA KWEYOMHLABA
BAFANA: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi basebenze ngokuzinikela ukuze bafezekise iphupho lokuya kwindebe yomhlaba.
Oku ukutheethe emva kokubhaxabula iqela laseRwanda ngamanqaku amathathu eqandeni kwibala iMbombela eMpumalanga ngolwesibini.
Amanqaku eBafana avalelwe nguOswin Appollis, Thalente Mbatha kunye noEvidence Makgopa.
FUNDA NALAPHA: UBROOS UVUMA UXANDUVA NGOMOKOENA NEFIFA
Emva komdlalo, uBroos uthe ezi ziziphumo zomsebenzi abathi bawuqala kwiminyaka emithathu egqithileyo yaye bayazingca ngemphumelelo yabo.
Kusenjalo, eliqela elaphumelela indebe yeAFCON ngo1996, libuyela kwindebe yeFIFA World Cup emva kweminyaka eli16 oko bathi bayisingatha ngonyaka ka2010.
“Indebe yomhlaba lizinga eliphezulu, awukwazi ukuyithelekisa neyiphi na itumente,” utshilo uBroos.
“Nabo bonke abo bebesisoloko bekhona nabathi badlala kuletumente bazakuxelela. Wonke umdlali okamye umqeqeshi uzifuna kuyo.
“Xa unethuba lokwenza njalo, kufuneka wenze konke okusemandleni uze ulifezekise elophupho. Yaye kubalulekile ebadlalini bathathe ibhola yabo bayibeke kwelinye izinga.
FUND NALAPHA: UMYALEZO OBUHLUNGU KANABI ESHIYA EZASENATURENA
“Intle ke lonto kwilizwe loMzantsi Afrika, ngo2010 sasingabasingathi kodwa ngoku emva kokuphumelela imbasa yethusi kwiAFCON, siyaya eMelika – uzakulibona ixabiso lebhola yaseMzantsi Afrika yaye lizakwenyuka.
“Ndiyazi ukuba abadlali, umqweno wabo ubungaphaya kokuqonda – lento intle kumntu wonke othanda eli lizwe neliqela.”
NguPhumzile Ngcatshe
