UZWANE UNCOMA IIFOLOSI ZEBAFANA EZIBUKHALI

NguPhumzile Ngcatshe

BAFANA: Umdlali weBafana Bafana uThemba Zwane uthi kuhle ukubona abadlali bangaphambili beqhuba kakuhle kwiqela lesizwe ngaphambi kwetumente yeAFCON.

UMshishi uthethe nephephandaba lebhola emva komdlalo wobuhlobo nelaseZambia kwiveki ephelileyo, esithi uEvidence Makgopa, uIqraam Rayners kunye noLyle Foster banendima enkulu.

IBafana ikwazile ukuzibekela indawo kwiAFCON nakwitumente yendebe yomhlaba iFIFA World Cup.

Lokapteni weMamelodi Sundowns uthi ubathembile aba badlali bangaphambili esithi omnye nomnye uza nesakhono esahlukileyo kweliqela likaHugo Broos.

FUNDA NALAPHA: ISIKHULU SEPSL SITHI UKHOZA ULAWULA NGEGQUDU

Nangona esahoye umonzakalo, iBafana ibikhokelwe nguMphau Nkota, uFoster kunye noMakgopa kodwa uZwane uthi esi sithathu sinamandla nesakhono.

Ethetha nephepahndaba iDiski Times, uMshishi uthe kumnandi nokudlala nabo ngokuba bayathandana njengabadlali.

“Ewe xa sithetha inyaniso bobathathu aba badlali bakwizinga eliphezulu. Banezakhono ezohlukileyo,” utshilo uZwane.

“UMakgopa ukuphathela umdlalo owahlukileyo. Ungajonga uFoster, nakuye ufumana umdlalo owahlukileyo ngokunjalo nakuRayners.

FUNDA NALAPHA: UBROOS UKAFUNI KUBAHOYA ABAGXEKI BAKHE

“Ngokunokwam, ndicinga ukuba baliphathela okwahlukileyo iqela lethu iBafana, ngbadlali abakwizinga eliphezulu aba.

“Nokuba ndidlala nabo, siyevanaa yaye lonto iqala ebaleni xa sizilolonga. Ndiyazi xa ndidlala noLyle, kufuneka ndizame ndiguqule indlela endidlala ngayo.

“Kunjalo nakuMakgopa nakuRayners. Yindlela nje esivisisana ngayo – ayikho into eyogqitha leyo njengabadlali.”