
URHULUMENTE MAKANCEDISE EKUFUNDISENI NGOKUFUYA IZINJA: ABAHLALI
Usapho lakwaNtswayibana, oluphulukene nonyana walo uSimikuso “Simi” Ntswayibana (4), luthi kunyanzeleke zigqunywe ezinye iindawo zomzimba wakhe ngethuba beyokumbona kumzi wokugcina izidumbu ngenxa yamanxeba wokudlakazwa zizinja. Le nkwenkwana ifunyenwe kubusuku bangoLwesibini kuthango lomzi okwihlathi elisemvakommandla wamatyotyombe waseSmutsville kwidolophu yaseSedgefield. Igqityelwe ukubonwa ngabanye abantwana eyayidlala nabo malunga nentsimbi yesine emalanga ileqwa zizinja kufutshane nekhaya layo.
Emvakokukhangelwa isithuba seeyure ezintlanu, umzimba wayo ufunyenwe sele ubanda. Ngokokutsho kwenkokheli yasekuhlaleni kulendawo uVuyisile Pauli, bekukho inja ibichophe ecaleni komzimba ka”Simi” ngethuba efunyanwa. UPauli uthi ngokwendlela ekubonakala ngayo le nja ayiyo ekhokelele ekuswelekeni kwakhe kuba yona khange ifunyaniswe ineempawu zokumhlasela, eziquka ukuxhapha igazi. Oku kukhokelele kwingcinga ethi le inja inoba ibizama ukukhusela.
Umakhulu ka”Simi” uYoliswa Ntswayibana uthi aye atshabalala amathemba wokuba angafumaneka esaphila ngethuba ebona kutshona ilanga engade afike. “Ndifounelwe emva ko4 ngomnye usisi endikhonza naye esithi mandikhangele uSimi uphi kuba lo wakhe umntwana usandula kungena egcwele isanti esithi uSimi uleqwe yinja yayokumfaka ehlathini.” UNtswayibana uhambise ngelithi bekungekho lula ukufanisa lomzimba kumzi wokugcina izidumbu kaRhulumente. “Kunyanzeleke sicele ukuba zifihlwe ezindawo onzakele kuzo athwaliswe nasentloko kuba engekho kwimeko entle. Besingazokwazi ukumbona elolwahlobo nomama wakhe kuba abantu abangotata abangene kuqala bebephuma belila.”
Esisiganeko siza emva kweveki ezimbini u”Simi” walunywa yenye inja kwalulommandla, nja leyo eyaye yayokutofwa yasweleke. UPauli ubongoze umasipala ebambisene nemibutho ejongene nezilwanyane ukuba babambisane kumaphulo wokufundisa uluntu ngendlela yokuhoya imfuyo nokuqinisekisa ukuba iziganeko ezinje ziyancipha. “Ngoku into esiyibonayo kukuba xa kulunywe umntwana kuthathwa lo nja, kuphinde kwenzeke esinye isiganeko kuzothathwa enye inja kuphelele apho.”
Nangona kuthathwe iqela lezinja, akukaziwa ukuba yeyiphi eyona ithe yabulala u”Simi”. Uphando lwamapolisa malunga nalenyenwe luyaqhuba lo gama usapho lwakhe lulungiselela ukumbeka kwindawo yakhe yokuphumla ngoLwesine.
