UJORDAAN UNGQINA UKUBUYA KUKA-ELLIS

BANYANA: Umqeqeshi weBanyana Banyana uDesiree Ellis ufikelele kwisivumelwano neSAFA njengokuba engqina uDanny Jordaan.

Umongameli weSAFA uJordaan uthethe namajelo eendaba eRhawutini ngolwesine, esithi bakwazile ukuvumelana ngekontraka entsha nalomqeqeshi.

Ezi ndaba zivela nje emva kokuba iqela lamanina lesizwe iBanyana likwazile ukuzibekela indawo kwimidlalo yeCAF WAFCON eMorocco ngo2026.

FUNDA NALAPHA: OWESUNDOWNS UCACISA NGENDIMA KA-ALLENDE

Lomqeqeshi ozalelwa eKapa waqala ukuqeqesha eliqela ngo2016 yaye uthe wafumana isivumelwano esitsha seminyaka emine.

Ngokwengxelo yeSABC, iSAFA ithe thaca isivumelwano esitsha kodwa lokaEllis ebengachazeki ngeminye imibandlea engqamene nesivumelwano.

LokaJordaan uthethe noonondaba kwisidlo sakusasa nalapho bokuxhaswa iqela lesizwe labangaphantsi kweminyaka engama17 elisingise kwindebe yehlabathi eQatar.

“Usayinile ikontraka entsha uEllis. Nimbonile namhlanje, wonwabile yaye yonke into ilungile ngoku.

“Ndiyavuya nam ngokuba siphumelele umdlalo neDRC. Ndonwabile kuba yonke into ithe yasonjululwa yaye niyambona ufikile ezokuxhasa iqela lesizwe labangaphantsi kweminyaka engama17.

“Ubuyile, ngoku kufuneka sijonge phambili sivuselele iBanyana. Kufuneka sijonge abadlali abasebatsha.

FUNDA NALAPHA: AMAPOLISA ALWA NEZIYOBISI ESTEKE

“Akuzubalula kodwa itumente yeWAFCON izakubanzima lonto ithetha ukuba kufuneka sivuselele iqela leBanyana.

“Sijongene neNigeria kunye neMorocco kodwa nelizwe laseGhana lizakubanzima, liqinile nalo. ISenegal nayo awukwazi ukuyidelela.

“Sizakuhlala phantsi noDesiree sive ukuba uzimisele ukucwangcisa ngoluphi uhlobo. Sizimisele ukuva kuye ukuba siya phambili ngeyiphi indlela ngeenjongo zokuqinisa eliqela.”

NguPhumzile Ngcatshe