UNTSHAVHENI UFUNA ABANGAPHANDLE BAZIPHATHE KAKUHLE

PRETORIA: UMphathiswa kwiofisi kaMongameli uCyril Ramaphosa uKhumbudzo Ntshavheni uthi abemi bangaphandle kufuneka baziphathe kakuhle bahlonele imithetho yelilzwe.

Oku kuvela nje emva kokuba kufunyenwe iipilisi ezinyanga isifo sikagawulayo iARVs kwingozi eyehle kwiphondo kufuphi naseMakhado iLimpopo kwiveki ephelileyo nalapho kwabhubha abantu abangama43.

Ngokweengxelo, lebhasi ibikhwelise abemi baseMalawi kunye nabaseZimbabwe nalapho kwathi kwafumaneka nezinye iipilisi zezifo ezahlukeneyo.

FUNDA NALAPHA: UMKOMISHINALA UVELLEM UTYELELE KUNGQUBA ESTEKE

“IPalamente yeli loMzantsi Afrika imemelela kubo bonke abemi bamazwe angaphandle okokuba bahloniphe imithetho yeli lizwe, babeziindwendwe ezikwaziyo ukuziphatha kakuhle,” utshilo uNstahvheni.

“Ubungqina bokuba amayeza ayebiwa kumaziko ezempilo karhulumente akuncedisani neenzame okanye iimeko zokuba abangaphandle bafumane uncedo kumzaiko waseMzantsi Afrika.

“IPalamente yeli ayixolanga yaye iveza ukuphoxeka emva kokufunyaniswa kwenqwaba yeepilisi zeeARVs nezinye iipilisi efumaneke kulangozi yebhasi nalapho kungekho maphepha agunyazisa oko.

“Uphando luyaqhuba yaye wonke amaqumrhu atshutshisa umthetho azimisele ukuyithatha lengozi njengetyala elingayanyaniswa nokuthutyeleziswa kwamayeza ngokungekho semthethweni.

“Ukuba iipilisi okanye amayeza afana neeARVs kuphikisana nomlo ojoliswe kwiphulo lokuba nengqingqi yeSADC engenaso isifo sikagawulayo.”

Kusenjalo, iTimesLIVE ikhuphe ingxelo yokuba umbutho iOperation Dudula ichasene nokunikezelwa koncedo lwezempilo kubemi bangaphandle.

FUNDA NALAPHA: UMCHUNU UKHOMBA UMASEMOLA OVIKELA ELAKHE NGEPKTT

Nangona kunjalo, isebe lezempilo likwachasene nezintshukumo zalombutho kuquka nemibutho elwela amalungelo oluntu.

Othethela amapolisa uColonel Malesela Ledwaba ungqinile okokuba livuliwe ityala nangona engekaveli umnikazi wepilisi.

“Umthetho iMedicines neRelated Substances Act uchaza ukuba lityala ukufumaneka namachiza okanye iipilisi ngaphandle kwamaphepha-mvume,” utsho uLedwaba.

“Ukufnyanwa namayeza amaninzi ngaphandle kwamaphepha lityala yaye akukho emthethweni.”

NguPhumzile Ngcatshe