UNCOMA UBUNYE UMQEQESHI WEPIRATES

NguPhumzile Ngcatshe

PIRATES: Isekela mqeqeshi leOrlando Pirates uMandla Ncikazi uthi kuhle ukubona besebenza ngokuvana noAbdeslam Ouaddou.

Eli gqala lomqeqeshi lithi liyafunda kuOuaddou yaye kuhle ukubona ukuba akazange abone umngcatshi mhla efika kweZimnyama Ngenkani.

Lomqeqeshi owayesakukhokela iGolden Arrows uthethe nabeendaba kuleveki eRhawutini apho bebetyelele iziko lezempilo eDiepkloof, eSoweto.

FUNDA NALAPHA: UZWANE UNCOMA IIFOLOSI ZEBAFANA EZIBUKHALI

Ukuzakuthi ga ngoku, esi sibini siqale kakuhle isizini yeBetway Premiership, bathe ngcu kwindawo yesibini kwiligi emva kwemidlalo elishumi – banamanqaku angamashumi amabini anesibini.

“Ibhola ekhatywayo kunye nemidlalo jikelele iveza ukuba siphuma kuluntu olunjani. Into enye endingayitsho ngoOuaddou kukuba ungumntu olungileyo,” utshilo uNcikazi.

“Uyabathanda abantu yaye uyaziqonda ukuba ungu-Afrika ebahlonipha abantu ngokunjalo. Ikhona into akayithetha, wathi uzakufika afunde kweliqela lethu.

“Bambalwa abantu abayenzayo lonto. Asithembani njengabaqeqeshi yaye sinoloyiko lokungcatshwa. Ngumntu onokuzithemba nolungileyo ongenza lonto.”

FUNDA NALAPHA: ISIKHULU SEPSL SITHI UKHOZA ULAWULA NGEGQUDU

Ngaphezu kokuqhuba kakuhle kweyeligi, iPirates izakudlala neMarumo Gallants kumagqibela kankqoyi kwitumente yeCarling Knockout Cup kwinyanga ezayo.

“Ndiyamamkela uOuaddou ngokuba uyakwazi ukufunda kubantu akafike belapha kweliqela lethu – lo nto ithetha lukhulu ngaye,” uyaqhuba.

“Ngokwesiqhelo, ayifane yenzeke lo nto. Ubudlelwane endinabo naye buhle kakhulu yaye buyazichaza. Andincamisi nokuba ngubani na.

“Ndincamisa umntu osondeleyo kum. Luphawu ke oluchaza ubuhlobo bethu.”