ABAKWAZI UGODUKA ABAFUNDI NGENXA YEZIKHUKHULA

Umasipala waseOudtshoorn uthi izikhukhula ezidalwe yimvula emandla kule dolophu neziphaluka zibangele bangakwazi ugoduka abantwana kwesinye sezikolo. Kungoku nje iqela labafundi besikolo samabanga aphantsi iGrootkraal bazakufunelwa indawo yokufihla intloko ngalenjikalanga. Abafundi abachaphazelekileyo ngabo bahlala kwimimmandla yeefama ezingqunge intaba iSwartberg.

Izantyalantyala oko zigqugqisa kumaphondo iNtshona neMpuma Koloni kunye nephondo iKwaZulu-Natal ukusukela kwimpela veki esisuka kuyo. Ubuncikane ngabantu abalishumi esele kubikwe ukuba baswelekile kwiphondo leMpuma Koloni, lo gama belishumi elinanye ababikwe kwiphondo iKwaZulu-Natal.

Kusenjalo, abenkonzo zohlangulo kwisixeko saseKapa bakhangela umqhubi weTaxi okhukhuliswe ngumsinga ngethuba ebaleka amagosa endlela. Kuvakala ukuba leTaxi ibinenqwaba yamatikiti atyalwayo ngethuba ikhutshelwa bucala kuhola wendlela uN2. Kwingxelo ekhutshwe ngulowo ujongene nokhuseleko kwesisixeko uJP Smith, lo mqhubi uye waphuma wazijula kumlambo okufutshane nendlela nalapho eye wakhukhuliseka khona.

Funda nalapha: I-Orlando Pirates yazisa umhlaseli waseNorway uSebastian Pedersen