UGWETYIWE OWATHENGA ABANTU BABULALE UMYENI WAKHE

Inkosikazi yaseLimpopo ligwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu entolongweni yinkundla ephakamileyo yaseLimpopo izolo ngokubulala umyeni wayo, uSandy Nyathi. Umfi wahlatywa wabulawa ngabantu ababeqeshwe yinkosikazi yakhe, uKedibone Lonia Nyathi (47) kwilali yaseNzweni kwisithili saseMopani ngoDecember 2022.

U-Remember Surprise Malepe (19), uEthen Raganya (18) noPoopo Ventry Mabela(18) bangena kwisivumelwano sokuvuma ityala nesigwebo nombuso. U-Malepe wagwetywa iminyaka elishumi entolongweni ngelixa uRaganya noMabela bagwetywa iminyaka esibhozo entolongweni umntu ngamnye. UNyathi wadiza ukuba waqesha esisithathu ukuba sibulale umyeni wakhe ngeR15 000.

Ngethuba luxoxwa ityala, igqwetha lombuso, uNkhetheni Munyai waxelela inkundla ukuba uNyathi wabulawa mgenxa yokunyoluka nanjengoko inkosikazi yakhe wayenentlawulo ezininzi ze-inshorensi ekwakufanele ukuba azifumane wakubhubha. Isithethi seNPA kwingingqi uMashudu Malabi Dzhangi uthi bayasamkela esi sigwebo

Funda kwakhona: Imveliso yemigodi eMzantsi Afrika iyehla ngoMeyi