
SICELA UHLALISWA SODWA ENTOLONGWENI: ABARHANELWA
Boyikisela ubomi babo entolongweni, uJohannes Hendrik Jacobs (53) no Gert Johannes Bezuidenhout (37), abatyholwa ngokubulala lowo ebesaziwa ngokuba ngungqondongqondo womkhambathi wolwaphulo mthetho eKapa, uMark Lifman. Esisibini sivele kancinci kwinkundla kamantyi yaseGeorge namhlanje emva kokubanjwa kwaso ngeCawe emalanga kufutshane naseUniondale. Babanjwe kwiiyure emva kokudutyulwa kukaLifman (57) ngaphandle kodederhu lweevenkile iGarden Route Mall eGeorge, ngethuba esiya kwisithuthi sakhe.
Bethethelwa ligqwetha labo, bacele umantyi agunyazise ukuhlaliswa kwabo bodwa eluvalelweni. Umantyi, nobebonakala engenamdla wokumamela esisicelo, usikhabe kungekabiphi ngaphandle kokunika izizathu. Esisibini singene enkundleni siphahlwe ngamapolisa ebexhobe efe amacala, nekubonakala ukuba asuka eKapa.
Phakathi kwabo bebezokuphulaphula elityala ngumkomishinala wamapolisa kwiphondo leNtshona Kapa uThembisile Patekile. Lo kaPatekile uveze ukuba omnye wabarhanelwa wayekuba lilungu lesipolisa kwibutho leSpecial Task Force. “Lelona nqanaba liphezulu loqeqesho esipoliseni. Nguchwepheshe ekudubuleni, ukwanguye nochwephese kwizinto ezidibene nokulwa. Sivile ukuba ebesebenzela inkampani yonogada ekuthwa yiPPA eseKapa.” Ngokomlomo kaPatekile lingongezeleka inani labantu abanokubajwa xa uphando luqhubela phambili.
Inkundla isikhabile isicelo soonondaba sokuthabatha imifanekiso namhlanje, ngelithi kusafuneka kuqhutywe inkqubo yokufanisa iimbuso zabatyholwa. Elityala limiselwe uLwesithathu weveki ezayo, umhla we13, nalapho kungenzeka abarhanelwa bafake isicelo sebheyile. Okwangoku basagcinwe eluvalelweni de kube ngumhla okhankanywe ngentla.
