
OWESUNDOWNS UCACISA NGENDIMA KA-ALLENDE
TSHWANE: Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uMiguel Cardoso uthi kunzima ukuhlalisa ngaphandle umdlali ofana noMarcelo Allende.
Lomqeqeshi wasePortugal ukhokele iSundowns yangena kwimidlalo yegroup stages kwitumente yeCAF Champions League emva kokubetha elaseNigeria ngo7-1 kwiveki ephelileyo.
Ephawula ngendima kaAllende osisiquququ embindini webala, uCardoso uthi lomdlali akafani nabanye ngokuba uyakwazi ukumelana nomthwalo wemidlalo emininzi.
Kusenjalo, uyamncoma ukuba unesakhono sokuhlala edlala kwizinga elinye kodwa xa umhlalisa ngaphandle, uyehla umdlalo walomdlali.
FUNDA NALAPHA: UMGWEBI YINQUNUNU ENTSHA YASEWSU
“UMarcelo ngumdlali ohlala engenawo umonzakalo. Siyayazi into yokuba udlala imigama emide efana nekhilomitha ezilishumi elinesibini,” utshilo uCardoso.
“Intle ke lonto esiyibonayo kuye. Ungumdlali okwaziyo nokubuyela kwisimo sakhe emva komdlalo ngendlela elula kodwa abe edlala kwizinga eliphezulu.

“Bakhona abadlali abathi xa bedlaliswe imidlalo ilandelelana bangakwazi ukukunika izinga eliphezulu kodwa yena udlala rhoqo yaye ugcina izinga liphezulu.
“Xa umkhupha uAllende emdlalweni, umdlalo wakhe okanye izinga lakhe liyehla ngokuba kufuneka edlala rhoqo.
FUNDA NALAPHA: AMAPOLISA ALWA NEZIYOBISI ESTEKE
“Sinabo abadlali kulandawo yakhe abafana noBathusi Aubaas kunye noJayden Adams. Yiyo lonto sithe samkhupha sidlala neRemo Stars. Besifuna ukugcina inqanaba lethu lihleli phezulu.”
Kumdlalo wabo olandelayo, ezaseChloorkop amaSandawana azakuqubisana neOrlando Pirates kumdlalo weBetway Premiership ngomgqibelo kwibala iLoftus Vesfeld emva kwemini.
NguPhumzile Ngcatshe
