I-Mexico iwanqe amankqaku-2 i-South Africa ibuya namakhadi-2 abomvu

Iphulo lo Mzantsi kwiNdebe yeHlabathi liqale ngendlela ebuhlungu kakhulu emva kokuba babethwe yi-Mexico ngo (Mexico 2-0 South Africa) e-Estadio Azteca.

Umdlalo ubengummangaliso uvelise amakhadi abomvu amathathu emlandweni wovulo lwale tumente.

Ngomzuzu we-9 kuphela, umdlali wasembindini u-Sphephelo “Yaya” Sithole ulahlekelwe yibhola emva kokufumana iphasi enobungozi evela kunozinti u-Ronwen Williams.

U-Julián Quiñones ube esesebenzisa elo thuba ngokufaka inkqaku lokuqala le-Mexico elidlule phakathi kwemilenze ka-Williams.

Amashwa andile ngomzuzu we-49 emva kokuba uSithole enikwe ikhadi elibomvu ngqo kulandela ukudlala kakubi u-Brian Gutiérrez obebaleka yedwa ejonge ezipalini.

Nto leyo ishiye iqela lidlala ngabadlali abalishumi babe sebetyiwa kakade.

UMzantsi Afrika ungenelwe linkqaku lesibini ngomzuzu we-66 ngetloko ebekwe ngumdlali u-Raúl Jiménez.

Ngomzuzu we-83 inkunzi endala u-Themba Zwane naye ekhutshelwe ngaphandle ngekhadi elibomvu emva kokuba i-VAR ibonise ukuba ukhabe u-Alvarado ebusweni.

Nangona umkhuseli waseMexico u-César Montes naye ukhutshelwe ngaphandle ngekhadi elibomvu ngomzuzu we-92 emva kokudlala kakubi u-Khuliso Mudau.

Le ntlekele ishiya UMzantsi esichengeni kwi-Group A, kwaye umqeqeshi u-Hugo Broos uza kujongana nemidlalo elandelayo neCzechia kunye neSouth Korea.

Iza kudlalwa ngaphandle kuka-Sithole no-Zwane ngenxa yokunqunyanyiswa.

*nbcnews.com