KUBHUBHE WAMNYE KUDUTYULWA IBHASI ENGCOBO

NguPhumzile Ngcatshe

ENGCOBO: Kubhubhe umntu wasetyhini konzakala ababini kwisiganeko sodubulo esenzeke eNgcobo ngenjikalanga yangolwesithathu.

Ngokwengxelo epapashwe lisebe Lezothutho eMpuma Koloni, kudizwe ukuba lebhasi ibisingise eKapa ihamba kwindlela uR61 ngaphakathi kweCofimvaba naseNgcobo.

Kuvakala ukuba kulebhasi konzakele nomcedisi womqhubi njengokuba ithe yoselwa ngeembumbulu ngolwesithathu..

Esi siganeko senzeke ngezithuba zentsimbi yesine nalapho lebhasi ehamba imigama emide, kuthiwa yeMakalala Trans yaye ibisuka eMthatha.

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lisikhalimele esi siganeko, uMphathiswa uXolile Nqatha uthe unexhala ngezingozi esithi zinobugebenga.

FUNDA NALAPHA: BUKELA: UHLAHLO-LWABIWO MALI LUKAGODONGWANA

“Asikwazi ukuzivumela iziganeko ezikumila kunje ziphelele nje esithubeni, kufuneka abenzi bobubi begwetyiwe,” utshilo uNqatha.

“Abo ababandakenyayo kwesisenzo kufuneka bejongene nengalo yomthetho. Ukhuseleko lwabantu bethu nesidima sesebe lethu kufuneka lungachaphazeleki.”

Kusenjalo, uNqatha uthe esi siganeko senzeka nje ngexesha apho imithamo yabantu abahamba imigama emide kulindeleke ukuba yonyuke.

“Ilungelo lomnye namnye umhlali waseMzantsi Afrika ukuba asebenzise isithuthi asifunayo – kufuneka eso sigqibo sihlonitshwe,” uyaqhuba.

FUNDA NALAPHA: ULUNGISIWE UCIMI-CIMI WOMBANE E-OR TAMBO

“Izenzo zodushe nokugrogrisa azinayo indawo kwiindlela zethu nasekuhlaleni jikelele.

Nangona enqwenelele iingwelerha okuhle kuquka nakusapho olulahlekelwe, uNqatha uthe esi senzo singayanyaniswa nomlo wokhuphiswano kunye nombango wokuba nelungelo lokusebenza kulendawo.

Kusenjalo, umemelele kumagosa omthetho ukuba asebenze ngokuzinikela de kufumaneke abenzi bobubi – ecela noluntu ukuba luze ngaphambili nolwazi.