KUBANJWE ISINE NGOKUDUTYULWA KWABABINI
Amapolisa aseGeorge abambe abarhanelwa abane nabatyholwa ngokubulala amadoda amabini. Oku kulandela ukudutyulwa kubulawe amadoda amabini kwisitalato iSpandiel kwingingqi yaseBorchards ngomGqibelo.

Ngokwengxelo yamapolisa indoda eneminyaka eyi31 ubudala idutyulwe esifubeni malunga nemizuzu emihlanu phambi kwentsimbi yethoba (20:55). Emva kwemizuzu emihlanu amapolisa aye asabela elinye ikhwelo kwenye indlu ekwakwesisitalato, nalapho efike ixhoba elineminyaka eyi19 ubudala linamanxeba okudutyulwa esifubeni nasengalweni.
Womabini amaxhoba abhengezwe njengaswelekileyo kwindawo yesehlo. Isizekabani sokudutyulwa kwalamadoda yonkxalenye yophando lwamapolisa.
Abarhanelwa bakwiminyaka eyi29 ukuya kweyi33 ubudala. Babanjwe kwingqingi yaseConville ngeCawe. Kulindeleke bavele kwinkundla kamantyi kule dolophu ngoLwesibini ngetyala lokubulala.
