LIYAKHITHIKA NEZANTYALANTYALA ZIDALA UMONAKALO

Inyoba iMeiringspoort edibanisa idolophu yaseOudtshoorn neBhobhofolo ivaliwe phakathi kwaseDe Rust naseKlaarstroom ngenxa yezikhukhula. Umasipala waseOudtshoorn uthi nenyoba iSwartberg phakathi kwaledolophu nePrince Albert ivaliwe ngenxa yemvula enetha ngamandla. Abaqhubi bayacetyiswa ukuba basebenzise uhola wendlela uN9 ogqitha kwiidolophu iWillowmore kunye neAberdeen. 

Kusenjalo, isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi iinyoba eziliqela kwelaphondo kunyanzeleke ukuba zivalwe kusasa namhlanje ngenxa yokukhithika kwekhephu. Abaqhubi bayacetyiswa ukuba balibazise ixesha labo lokuhamba okanye basebenzise ezinye iindlela. Iinyoba ezivaliwe ziquka iPenhoek kuhola wendlela uN6 phakathi kwaseKomani naseJamestown, inyoba iBarkly kwindlela uR58 nenyoba iWapadsburg  kwindlela uR61 phakathi kwaseGraaff Reinet naseMetele.

Othethela isebe lezothutho kwelaphondo, u-Unathi Binqose uthi kwinyoba, iLootsberg ekuhola wendlela uN9 phakathi kwaseGraaff-Reinet naseMiddleburg, indlela imanzi kodwa izithuthi zisakwazi ukuhamba. Abaqhubi bayacelwa kuba baqhube ngononophelo ezindleleni. U-Binqose uthi ikhephu elikhithika kwelaphondo lenza kubenzima ukuqhuba.

Injani imeko apho ukhoyo? Ungasithumelela imifanekiso kwinombolo yethu ethi 073 653 8998 okanye kwi-email ethi iindabaazethu@gmail.com