
KUYALILWA ESOWETO ISUNDOWNS IBETHA IPIRATES
NguPhumzile Ngcatshe
BETWAY PREM: Umqeqeshi weOrlando Pirates uAbdeslam Ouaddou uyakhala emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns ngolwesithathu.
Kumdlalo weBetway Premiership ububanjelwe kwibala iFNB, eziMnyama Ngenkani ziwuqale kakuhle umdlalo ngesantya esiphezulu.
Nangona Amasandawana ebengaphantsi koxinzelelo, bathe bawufumana kuqala umnatha uBrayan Leon elivalela kulandela umdlalo omhle.
Kwimizuzu embalwa, uphindile lomdlali waseColombia evisa abalandeli bamaBhakaniya ubhlungu – kodwa umqeqeshi uthi lomdlalo ubuneziqingatha ezimbini.
FUNDA NALAPHA: IGQALA LEBAFANA LIPHAWULA NGEENGXAKI ZEDAWANA
Kulandela eziziphumo ezihle, iqela likaMiguel Cardoso livale umsantsa njengokuba lamaqela eshiyana ngamanqaku amathathu kumanqwanqwa weligi.
“Ndicinga ukuba ibingumdlalo weziqingatha ezimbini. Enye into besizimisele ukuhlala sivalile ngasemva ngokuba besidlala ibhola – sawadala amathuba,” utshilo uOuaddou.
“Ngelishwa asikwazanga ukuwavalela lomathuba kwisiqingatha sokuqala. Kwelinye icala, iMamelodi Sundowns, ibenawo amathuba ambalwa yaye ke yakwazi ukuwavalela.
“Kunzima ukuya kwisiqingatha sesibini uhamba ngasemva ngamanqaku amabini eqandeni. Sikwazile kodwa ukulifumana kwangethuba. Sizamile nokuya phambili kodwa asikwazanga ukufaka elokulinganisa.

“Ndingatsho ndithi iSundowns ibinesiqingatha sokuqala, thina ke sabanesesibini kodwa ngaphandle kwamanqaku siphoxekile kakhulu.
“Sisenayo imidlalo, ayikho into elahlekileyo kodwa kufuneka sidlale de kubesekugqibeleni.”
Ephawula ngalomdlalo uCardoso, lomqeqeshi wasePortugal uthe iqela likaOuaddou linamandla kakhulu ukogqitha iMC Alger, bayibethe ngomgqibelo koweCAF Champions League.
FUNDA NALAPHA: UQHAWUKILE UMTSHATO KOWASENIGERIA NEZIMNYAMA
“Eliqela lePirates linabadlali abakwizinga eliphezulu, ndiyakholwa ukuba baqinile ukogqitha iAlger – baqinile ngokwenyani,” utshilo.
“Yiyo lonto bephumelela iindebe yaye belwela neligi ngalendlela abaqhuba ngayo. Yilonto bokunzima namhlanje.
“Kulesizini sidlale nabo ngokungathi liqela esingazange salibetha ngaphambili. Sabethwa ngamapenalithi nonke niyayazi lonto. Bokunzima ukulungiselela lomdlalo.”
Kusenjalo, omabini lamaqela azkudlala kwitumente yeNedbank Cup kulempelaveki – iSundowns idlala neTS Galaxy ukanti iPirates ijongana neCasric Stars.
Funda kwakhona: URonwen Williams unyulwe njengomgadi wepali ogqwesileyo
