ITHIWE NKA NGOBOMI INDODA YASESTEKE NGOKUBULALA

PALMIETFONTEIN: Indoda yasePalmietfontein cebokuhle eSterkspruit ithe yafumana isigwebo sobomi emva kwezitshixo.

Lendoda eyaziwa ngelikaLuyanda Mbolekwa ifunyaniswe inetyala lokubulala isinqanda-mathe salo uNokwazi Ntloko.

Ingxelo efunyanwe leliphephandaba Iindaba Zethu idiza ukuba lokaMbolekwa wathi wabulala ngokungenalusini lentokazi ngomhla wama24 kunyaka ka2024 kweyeThupha.

Kuvela iinkcukacha zokuba uMbolekwa wathi wapheleka uNtloko esiya kwikhaya lakhe ngokuhlwa kwangalomini.

Kodwa lentokazi eyayineminyaka engama40 ngomhla wesiganeko ayizange ibonwe ngentseni elandelayo nalapho kwabonakala uMbolekwa owayeneminyaka engama35.

FUNDA NALAPHA: UMKOMISHINALA UVELLEM UTYELELE KUNGQUBA ESTEKE

Kuthe nje emva kweentsuku ezimbini, intombi yomfikazi yathi yadibana nombono ombi ibona umzimba kanina ngefestile udada egazini.

“Iinzame zamapolisa nophando luthe lwabona impumelelo emva kokufumanisa indoda eneminyaka engama35 inetyala yaye yagwetywa ubomi entolongweni,” utshilo uKapteni Ursula Roelofse wamapolisa eMpuma Koloni.

“Umzimba wexhoba uNtloko wafunyanwa kwigumbi lokulala ugcwele igazi. Emva kophando olunzulu, amapolisa afumanisa ukuba wawunamanxeba okuhlatywa nokukrwitshwa.”

Kusenjalo, kuvele ukuba lokaMbolekwa wathi wabaleka ezama ukuzifihla kwintaba ekude kufuphi kodwa wathi wabanjwa ngamalungu asekuhlaleni ngomhal ka28 kwakulonyanga.

“Umrhanelwa wathi wagityiselwa emva kwezitshixo yaye iNkundla Yamatyala yasikhaba isicelo sebheyili,” uyaqhuba uRoelofse.

“Ityala laphandwa nguSajini Malibongwe Kutwana owayesebenza ngokuzinikela ukuqokelela zonke iinkcukacha nobungqina de wakwazi ukumfumanisa okaMbolekwa enetyala lokubulala.”

FUNDA NALAPHA: AMAPOLISA ALWISANA NEZIYOBISI ESTEKE

Ngaphezu koko, kwafunyanswa iimfono-mfono ezimbini kulomrhanelwa nezitshixo zendlu – itshilo ingxelo yamapolisa.

Ngomhla wesine kulenyanga imiyo, iNkundla Yengingqi yaseSterkspruit yamfumanisa enetyala uMbolekwa yamthi nka ngobomi entolongweni.

Ngenxa yomsebenzi omhle wokusiphula neengcambu izenzo ezikumila kunje, uMkomishinala waseJoe Gqabi uNjengele uLindelwa Vellem uwancomile amapolisa nophando lwawo.

NguPhumzile Ngcatshe