GRADE 12: OBHALE ENGABONI UBUYE NEBACHELOR

NguPhumzile Ngcatshe

MAHIKENG: Umfundi webanga leshumi waseMntla Ntshona uKamogelo Motaung wothuse umzi ebuya neBachelor.

UMotaung ubengumfundi kwisikolo samabanga aphezulu iSt. Mary’s Secondary kwingingqi yaseMahikeng kufuphi naseRustenburg.

Nangona ephanste wahlalela iimviwo zakhe engaboni ngokupheleleyo emehlweni, uthe wazakhela udumo ephumelela ngeBachelor.

Lempumelelo, ngokwengxelo yeSABC, ithe yafezekiseka ngenxa yoncedo lwabahlali namaSamariya alungileyo abebengamazi ababonakalise uthando novelwano.

FUNDA NALAPHA: HALALA: UGADE UVUYILE ZIZIPHUMO ZEBANGA LESHUMI

Kuyacaca ngokwengxelo okokuba uMotaung ebenengxaki yokungaboni kakuhle, isigulo esaziwa njengeCataract.

“Njengokuba ebengaboni kakuhle kwigumbi lofundela, bewemfiliba amathemba kaMotaung wokufumana uncedo ukuze ongulwe amehlo ache,” itsho Isabc.

“Amehlo akhe athi afumana utyando, wongulwa sithetha nje ngoku uMotaung uyakwazi ukubhiyozela iziphumo zakhe ezihle.”

FUNDA NALAPHA: UMEC FANTA UPHEHLELELE IPHULO LEGBV EMALETSWAI

Ethetha Emva kokufumana iziphumo zakhe, elityendyana lithi lizakukwazi ukufezekisa iphupho lalo lokuba ligqwetha.

“Iziphumo zam zihle kakhulu, bokungelula ukuphumelela ngeBachelor. Lonto indibonise ukuba ndinaso isakhono namandla yaye ndingenza lukhulu,” utshilo.

“Lilonke, ndiyazithemba okokuba ndizakuphumelela kwizinto zonke endizinqwenelayo okokuba ndisebenza ngokuzimisela ndifake nengqondo yam emsebenzini wam.

“Ndiyafuna ukuba ligqwetha yaye ndifuna ukulifezekisa elophupha.”