G20: URAMAPHOSA ONOMSINDO UGXEKA UTRUMP

NguPhumzile Ngcatshe

GAUTENG: UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uyacaphuka njengokuba egxeka uDonald Trump waseMelika.

Ugxa wakhe uTrump uthe akezi kwingqungquthela yeG20 ezakubanjelwa eRhawutini kwiveki ezayo nalapho kulindeleke ooMongameli bamazwe ngamazwe.

Ethetha namajelo eendaba, uRamaphosa uthe isigqibo sikaTrump sokungezi eMzantsi Afrika asisebenzi kuba umcimbi uzakuqhubeka nokuba akekho.

Lentetha ivela nje emva kokuba uTrump ekubeke kwacaca ukuba ayikho inkokheli yaseMelika ezakuzimasa lomcimbi njengokuba kunezityholo zokuba abamhlophe baphatheke kakubi kweli.

FUNDA NALAPHA: KUBHUBHE WAMNYE KUDUTYULWA IBHASI ENGCOBO

Kusenjalo, uRamaphosa uthe ukungaphumeleli kweMelika yilahleko kubo yaye umcimbi uzakuqhubeka ngempumelelo.

LokaTrump uqale wathi isekela lakhe uJD Vance nguye ozakuzimasa lomcinbi ngaphambi kokujika esithi alikho ilungu leWhite House elizakubakho kwiG20.

“Ilizwe laseMelika liyanikezela ekubeni lidlale indima enkulu ekufuneka beyidlalile njengelizwe elifumile emhlabeni jikelele,” utshilo uRamaphosa.

“Ukungezi kwabo kulomsitho akusombululi nto ngokuba izigqibo zizakuthatyathwa kufumaneke izisombululo kwiingxaki ezijongene nomhlaba jikelele.”

Lengqungquthela kulindeleke ukuba isingathwe ngomhla ka22 ukuya kowe23 kule imiyo eNasrec eRhawutini okokuqala embalini yelizwekazi iAfrika – uTrump uthe lihlazo ukuba isingathwe leli.

“Abantu abangamaAfrikaner bayabulawa eMzantsi Afrika yaye bayaxhelwa. Nomhlaba wabo kunye neefama zabo zithathwa ngenkani nangokungekho mthethweni,” uqhube watsho.

FUNDA NALAPHA: BUKELA: UHLAHLO-LWABIWO MALI LUKAGODONGWANA

“Alikho ilungu lesigqeba elizakubakho kulomcimbi okokuba lamalungelo oluntu asaqhuba ayanyhashwa.”

Ngaphezu koko, noMongameli waseArgentina uJavier Milei naye akaphumeleli kulengqungquthela kodwa ke kulindeleke ukuba athumele owongamele ezamazwe kwelalizwe uPablo Quirno – ngokwengxelo yeAFP.

Nangona kunezityholo ezipapashwe nguTrump, uMzantsi Afrika uzibhebhethile usithi abukho ubungqina obuphathekayo.

Ungathanda kwakhona: Kubanjwe owesithathu kwityala leR15 lezigidi zeerandi “R15 million”