BUYISANI IZINDLU ZETHU SINGEKANIGXOTHI: UMPHATHISWA
Abantu abathenge izindlu zeRDP bangazibhaqa sebekhutshwa ngezixhanti nguRhulumente ukuba abazibuyisi. Umphathiswa wesebe lokuzinziswa loluntu, uMmamoloko Kubayi uthi urhulumente wonele ngumkhuba wokuthengiswa kwezindlu zesibonelelo ngabo baxhamle kule nkqubo. Kungoku nje elisebe lithi lizakubambisana namagosa onyanzeliso mthetho ekukhupheni ngetshova abantu abathenge ezizindlu kuze kubanjwe abo bazithengisayo.

Ngethuba lendibano nonoondaba ePitoli namhlanje, uKubayi ucatshulwe esithi “abo bathenge okanye bathengisa izindlu zethu mabazibuyise singekafiki. Ndibanike ithuba elaneleyo ukususela ngo2021. Ndiyathemba abemi boMzantsi Afrika abazokuthi asinantliziyo okanye uvelwano xa kubanjwa abantu kuba kufuneka siphendule ngemali karhulumente.”
Ngokomthetho karhulumente umntu oxhamle kwindlu yesibonelelo akanalungelo lokuyithengisa ingagqithanga iminyaka esibhozo. Xa umntu efuna ukuyithengisa kufuneka anike urhulumente ithuba lokuqala lokuzikhethela. Kungoku nje urhulumente uthi ujamelene nomceli mngeni wabantu abathengisa ezizindlu ngondlela mnyama, kwaye kumathuba aliqela zithengiselwa abemi abasuka kwamanye amazwe.
Le ndibano nonoondaba ibijolise ekupapasheni izicwangciso zikarhulumente zokuncedisana nabantu abangakwaziyo ukuxhamla kule nkqubo kwaye imivuzo yabo ingonelanga ukufumana imali-mboleko yokuthenga indlu ezibhankini. Aba bantu baziwa ngokuba yiMissing Middle okanye Gap Market, kwaye bamkela imivuzo ephakathi kweR3 501 ukuya kuR22 000 ngenyanga. Ezinye zezisombululo yinkqubo yokukhululwa kwemihlaba ukuze abantu bazokhele. Le nkqubo izakwaziwa ngokuba yiZakhelikhaya nalapho urhulumente ezakubambisana nenkampani ethengisa izinto zokwakha iCashbuild kunye nebhanki uCapitec ekuncediseni abantu bazakhele amakhaya wabo.
Urhulumente uthi liyaxhalabisa izinga lezicelo zemali-mboleko yokuthenga izindlu ezikhatywayo ziibhanki zeli ngezizathu ezahlukeneyo. Ngokomlomo wesebe ezizizathu ziquka ukubanechaphaza kweengxelo zemboleko-mali zabathengi (credit record) kunye nokungafikeleli ngokwezimali okudalwa kukuxhoma kwamaxabiso ezinto.
