UCARDOSO UPHAWULA NGOMUDAU NORIBEIRO

BETWAY PREM: Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uMiguel Cardoso uthi iyamxhalabisa imeko yeqela lakhe kulesizini.

IDawana libethe AmaZulu ngamanqaku amabini eqandeni ngolwesibini ngokuhlwa kodwa lomqeqeshi unexhala ngoRibeiro noMudau abangekadlali.

URibeiro ozalwa eBrazil ukhonjwa eQatar kwiQatar SC ukanti uMudau kuvela ukuba ufuna ukulishiya eliqela kodwa imvisiswano ayikho konke konke okwangoku.

Ngaphezu koko, umdlali wangaphambili uPeter Shalulile ukhonjwa kumaqela aseMantla Afrika kodwa kuyacaca ukuba iDawana alivumi ukumkhulula.

FUNDA NALAPHA: \UXINZELELO KUOUADDOU KUBHAXABULWA IPIRATES

URibeiro noMudau abakadlali kulemidlalo emithathu kulesizini ukanti uShalulile ebelilalela kumdlalo neChippa United kunye noSuthu.

“Akukho lula ukujongana nalemeko kweliqela lethu yaye ibangela inxalabo. Ndiyazi inayo indima eyidlalayo eqeleni lethu,” utshilo uCardoso.

“Singabe asikwazi ukucinga kakuhle ukuba sithi izinto zingenzeka okanye zibelula ngokuba abadlali bechaphazeleka yilemeko.

“Ndiyayzi bangabahlobo, bayathetha ngalemeko – ngeke sithi ayibachphazeli lemeko yokuba kuthethwe ngabanye abahambayo.

“Kodwa ke kungenzeka ukuba sizame ukugcina iqela lethu liqinile yaye nengqondo ihleli ikwizinga eliphezulu ukwenzela siphumelele imidlalo yethu nangona kunezinto eziqhubekayo.

“Jonga, kuyenzeka ukuba amaqela afune abadlali bethu emva kokuqhuba kakuhle kwitumente yeFIFA Club World Cup.

“Kodwa ndiyathemba iqela nabaphathi bazakuyiphatha kakuhle lemeko nangokukhula. – ndicinga ukuba lonto inganceda nabadlalayo ngoku ukuba bayazi into yokuba yonke into iphethwe kakuhle.”

Kumdlalo olandelayo, iSundowns izakutyelela iOrlando Pirates engaqalanga lesizini kakuhle koweMTN8 ojongwe ngabomvu ngomgqibelo eSoweto.