I-Cape Town Marathon ifumana iwonga elikhulu lehlabathi

I-Cape Town Marathon ibhengezwe ngokusemthethweni njengogqatso lokuqala e-Afrika ukungena kwi-Abbott World Marathon Majors.

Eli wonga libeka iKapa kwinqanaba eliphezulu kunye nemigatsho emikhulu yehlabathi efana ne-London, New York, ne-Tokyo.

Abaphathi bolu gqatso bakuvuyele kakhulu oku njengempumelelo enkulu yezemidlalo kwi-Afrika iphela.

Olu tshintsho luza kuzisa amawaka ngamawaka eembaleki eziphuma kumazwe ngamazwe apha eMzantsi Afrika.

Olugqatso lulindeleke ukuba lukhulise kakhulu uqoqosho kunye nophuhliso lwezokhenketho kwiphondo laseNtshona Koloni.

*eNCA