ALONWABANGA IGQWETHA SISIGQIBO SENKUNDLA

Igqwetha labarhanelwa abatyholwa ngokugebenga uMark Lifman livakalise ukungonwabi ngesigqibo sokuvumela oonondaba bafote abarhanelwa enkundleni. Oku kuvele ngethuba uJohannes Jacobs (53) noGert Bezuidenhout (37) bevele kwinkundla kamantyi yaseGeorge ngoLwesine, nalapho bekulindeleke bafake isicelo sebheyile. Eligqwetha, nelingenakukhankanywa igama lalo ngenxa yomyalelo wenkundla, lithe alizange linikwe thuba lokuveza ezalo inkundla malunga nesisicelo.

Likwakhwele lizehlela koonondaba ngelithi izicelo abazifakileyo zokufota elityala zenziwa nje ukugqithisa usana kunina kuba akukho ndlela yokuqinisekisa ukuba ezizicelo zisuka koonondaba abasenkundleni ngokwenene. Liqwele ngelithi lizakufaka isicelo sokuthintela ukufotwa kwelityala ebutsheni bonyaka ozayo. Umantyi, naye ongenakukhankanywa ngegama, uye waveza ukuba ukuxoxwa kwesosicelo kungathabatha ithuba elide kodwa, mhlawumbi isiphumo sivele emva kokuxoxwa kwesicelo sebheyile kunyaka ozayo.

Isikhalazo sesibini seligqwetha kukuba abarhanelwa bagcinwe kwintolongo ekumgama ozikhilomitha eziyi400 ukusuka eGeorge, nto leyo eyenza kubenzima ukugqugula nabarhanelwa. Linabe ngelithi like lathabatha uhambo oluya kulentolongo kodwa lafika ixesha sele lixhatshwe yinja ngenxa yokulungiswa kohola wendlela uN2. Ngalomazwi liye lacela ukunikwa ithuba lokugqugula nabarhanelwa emva kwenkundla, likwacela nokuhlehliswa kwenkqubo yesicelo sebheyile ngenxa yokuba igqwetha eliyintloko lingafumanekanga namhlanje.

Phakathi kwabo bebesenkundleni ngabo bebelala ngengubo enye noLifman uAndre Naude kunye nalowo utyholwa ngokuba yinkokheli yeqela longqevy i”Sexy Boys” uJerome Booysen, owaziwa ngesiteketiso sika “Donkie”. Elityala liye lamiselwa umhla we16 nowe17 kulenyanga izayo, nalapho kulindeleke ukuba kuxoxwe isicelo sebheyile.